7 Ilinen ecikizekileyo emfakamfele yaseYiputa yaba iyiseyile* yakho, ukuba ibe yibhanile* kuwe; ingubo emsi nemfusa yaseziqhithini zakwaElisha yaba ngumthunzi wakho.
8 Abemi baseTsidon neArvadi baye bengababheqi bakho; izilumko zakho, Tire, zaba phakathi kwakho, zaba ngabaqhubi bakho.
9 Amadoda amakhulu aseGebhali nezilumko zakhona ebe zikuwe, zaba ngabalungisi beentanda zakho. Yonke imikhombe yolwandle ibe ikuwe, noomateloshe bayo, ukuba yanane urhwebo lwakho.
10 AmaPersi namaLudi namaPuti ebesemkhosini wakho, engamadoda akho okulwa; abezixhoma kuwe iingweletshetshe nezigcina-ntloko; akunika ubungangamela wona.
11 Oonyana baseArvadi babenomkhosi wakho phezu kweendonga zakho ngeenxa zonke, namakroti abasezinqabeni ezinde; axhoma iingweletshethse zawo ezindongeni zakho ngeenxa zonke; wona akwenza wamhle kwaphela.
12 ITarshishe yarhwebelana nawe ngenxa yobuninzi bobuncwane bonke, bakurholela isilivere, nesinyithi, nebhekile, nelothe, ngeempahla zakho.
13 OoYavan noTubhali noMesheki babengabarhwebeli bakho barhwebisana nawe ngeziqu zabantu nangeempahla zobhedu.