9 Amadoda amakhulu aseGebhali nezilumko zakhona ebe zikuwe, zaba ngabalungisi beentanda zakho. Yonke imikhombe yolwandle ibe ikuwe, noomateloshe bayo, ukuba yanane urhwebo lwakho.
10 AmaPersi namaLudi namaPuti ebesemkhosini wakho, engamadoda akho okulwa; abezixhoma kuwe iingweletshetshe nezigcina-ntloko; akunika ubungangamela wona.
11 Oonyana baseArvadi babenomkhosi wakho phezu kweendonga zakho ngeenxa zonke, namakroti abasezinqabeni ezinde; axhoma iingweletshethse zawo ezindongeni zakho ngeenxa zonke; wona akwenza wamhle kwaphela.
12 ITarshishe yarhwebelana nawe ngenxa yobuninzi bobuncwane bonke, bakurholela isilivere, nesinyithi, nebhekile, nelothe, ngeempahla zakho.
13 OoYavan noTubhali noMesheki babengabarhwebeli bakho barhwebisana nawe ngeziqu zabantu nangeempahla zobhedu.
14 Abendlu kaTogarma bakurholela amahashe eenqwelo zokulwa, nawokukhwela, noondlebende, ngeempahla zakho.
15 Oonyana bakaDedan babengabarhwebeli bakho; iziqithi ezininzi bezirhwebisana nawe, zakubuyisela iimpondo zeendlovu nemisimbithi, yaba sisithabathaba.