16 Ngobuninzi borhwebo lwakho umbilini wakho wazala kukugonyamela, wóna ke. Ndiya kulahla wena, ngokwento engcolileyo, umke entabeni kaThixo; ndikutshabalàlise, kerubhi igqubuthelayo, usuke phakathi kwamatye anomlilo.
17 Intliziyo yakho iphakamile ngenxa yobuhle bakho, ubonákalisile ubulumko bakho kunye nokubengezela kwakho. Ndikukhahlela emhlabeni ndikwènze ube ngumbonelo phambi kokumkani.
18 Ngobuninzi bobugwenxa bakho, ebugqwetheni borhwebo lwakho, uzihlámbele iingcwele zakho; ndivelisa ke umlilo kwaphakathi kwakho; úya kukutshisa wona, ndikwènze ube luthuthu emhlabeni, emehlweni abo bonke abakubonayo.
19 Bonke abakwaziyo ezizweni baya kumangaliswa nguwe, usuke ube sisikhwankqiso, ungabuyi ubekho naphakade.
20 Kwafika ilizwi likaThixo kum, lisithi,
21 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho eTsidon, uprofete ngayo.
22 Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuchasile, Tsidon; ndiya kuzizukisa phakathi kwakho; bazi ukuba ndinguYehova, ekwenzeni kwam izigwebo kuyo, ndizingcwàlisele kuyo.