Uhezekile 31:12-18 XHO75

12 Bámnqumla abasemzini, abangcangcazelisi basezintlangeni bamlahla. Ezintabeni nasemifuleni yonke awa amasebe akhe; amahlamvu akhe aphukela ezihlanjeni zehlabathi lonke; zehla zemka emthunzini wakhe zonke izizwe zehlabathi, zamlahla.

13 Phezu kwesibili sakhe esiwileyo kuhlala zonke iintaka zezulu, zifike emahlamvini akhe zonke izinto eziphilileyo zasendle;

14 ukuze ingaziphakamisi ngenxa yobude bayo yonke imithi yasemanzini, ingawanyuseli phakathi kweengqimba zamafu amantloko ayo, ingaziméli ngokwayo ekuziphakamiseni kwayo, yonke esela amanzi. Ngokuba bonke bephela banikelwe ekufeni, ezweni langaphantsi, phakathi koonyana baka-Adam, kwabahlé baya emhadini.

15 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini yokuhla kwakhe ukuya kwelabafileyo, ndabanga isijwili; ndawagqubuthela ngenxa yakhe amanzi anzongonzongo, ndathintela imilambo yawo, avingcelwa amanzi amakhulu. Ndayambathisa iLebhanon ngezimnyama zokuzila ngenxa yakhe, yonke imithi yasendle yetha amandla ngenxa yakhe.

16 Ngesithonga sokuwa kwakhe ndazinyikimisa iintlanga, ekumhliseleni kwam ukuba aye kwelabafileyo, nabahlé baya emhadini; yathuthuzeleka ezweni langaphantsi yonke imithi yase-Eden, enyuliweyo emihle yaseLebhanon, yonke esela amanzi.

17 Nabo njengaye behla baya kwelabafileyo, kwababuleweyo ngekrele; ababeyingalo yakhe, behleli emthunzini wakhe phakathi kweentlanga.

18 Kunjalonje, ùfana nabani na ngobuqaqawuli nangobukhulu emithini yase-Eden? Ùya kuhliselwa nemithi yase-Eden ezweni langaphantsi; ùya kulala phakathi kwabangalukileyo, kwanababuleweyo ngekrele. NguFaro ke lowo, nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.