7 Ndiya kulisibekelisa izulu ekukucimeni kwam, ndizambathise iinkwenkwezi zalo ngezimnyama zokuzila. Ndiya kulisibekela ilanga ngamafu, nenyanga ingakhanyisi ngokukhanya kwayo.
8 Zonke izikhanyiso ezikhanyisayo ezulwini ndiya kuzambathisa ngezimnyama zokuzila ngenxa yakho, ndenzè ubumnyama phezu kwelizwe lakho; itsho iNkosi uYehova.
9 Ndoyenza ibe buhlungu intliziyo yeentlanga ezininzi, ekukuseni kwam ukwaphulwa kwakho ezintlangeni, emazweni ongawazanga.
10 Ndiya kuzimangalisisa ngawe izizwe ezininzi, babe namanwele nokuba namanwele ngawe ookumkani bazo, ekulilingiseni ikrele lam ebusweni babo, bagubhe ngamaphanyazo onke, elowo ngenxa yomphefumlo wakhe, ngemini yokuwa kwakho.
11 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ikrele lokumkani waseBhabheli liya kukufikela.
12 Ndiya kuyiwisa ingxokolo yakho ngamakrele amagorha; ngabangcangcazelisi basezintlangeni bonke bephala; balibhùqe ikratshi leYiputa, itshabalale yonke ingxokolo yayo.
13 Ndiya kuzitshabalalisa zonke iinkomo zayo, zimke emanzini amakhulu, lungabi sawagxobha unyawo lomntu, namanqina eenkomo angawagxobhi.