25 Ndiya kuwenzela umnqophiso woxolo, ndiwaphelise amarhamncwa amabi elizweni, uhlale entlango ukholosile, ulale emahlathini.
26 Ndowenza wona, kwaneendawo ezingeenxa zonke endulini yam, ube yintsikelelo; ndihlise imvula ngexesha elililo; iya kuba yimvula yentsikelelo.
27 Umthi wasendle wonika isiqhamo sawo, ilizwe linike indyebo yalo, banqabe emhlabeni wabo; bazi ukuba ndinguYehova, ekuzaphuleni kwam izikeyi zedyokhwe, ndibahlangule esandleni sâbo babebakhonzisa.
28 Abayi kuba saba lixhoba leentlanga, angàbadli amarhamncwa elizwe; bahlale bekholosile, kungabikho ubothusayo.
29 Ndobavelisela isityalo sokuba ludumo, bangabi sasuswa yindlala ezweni, bangabi sathwala hlazo leentlanga.
30 Baya kwazi ukuba mna Yehova Thixo wabo ndinabo, bangabantu bam bona, indlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.
31 Nina ke ningumhlambi wam, umhlambi wedlelo lam; nisisintu, ndinguThixo wenu; itsho iNkosi uYehova.