12 Ùya kwazi ukuba mna Yehova ndikuvile konke ukugiba kwakho, owakuthethayo ngeentaba zakwaSirayeli, usithi, Kusenkangala kuzo, sizinikiwe ukuba zibe kukudla.
13 Nizikhulisele ngam ngemilomo yenu, nawafumba phezu kwam amazwi enu; ndivile ke mna.
14 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Lakùvuya ihlabathi lonke, ndokwenza kube senkangala kuwe.
15 Njengoko walivuyelayo ilifa lendlu kaSirayeli, ngenxa yokuba bekusenkangala kulo, ndiya kwenjenjalo kuwe; kuya kuba senkangala kuwe, ntaba yakwaSehire, nelakwaEdom lonke liphela; bazi ukuba ndinguYehova.