3 uprofete ngayo, uthi kuyo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, ntaba yakwaSehire. Ndosolulela isandla sam phezu kwakho, ndikwenze kube senkangala yakwankangala.
4 Imizi yakho ndiya kuyenza amanxuwa, ube senkangala; wazi ukuba ndinguYehova.
5 Ngenxa enokuba waba nobutshaba obungunaphakade, wabanikela esandleni sekrele oonyana bakaSirayeli ngexesha lokusindeka kwabo, ngexesha lobugwenxa bokuphela:
6 ngako oko, ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kukwenza igazi; lókusukela ke igazi; ngokokuba ungalithiyanga igazi, lókusukela igazi.
7 Ndoyenza kube senkangala yakwankangala intaba yakwaSehire, ndinqumle kuyo odlulayo nobuyayo.
8 Ndiya kuzizalisa iintaba zakhe ngababuleweyo bakhe; ezindulini zakho, nasemifuleni yakho, nasezihlanjeni zakho zonke, ababuleweyo ngekrele bawe kuzo.
9 Ndiya kukwenza kube senkangala kuwe ngonaphakade, imizi yakho ingemiwa mntu; názi ukuba ndinguYehova.