16 Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,
17 Nyana womntu, xa indlu kaSirayeli yabe ihleli emhlabeni wayo, báwenza inqambi ngeendlela zabo nangeentlondi zabo; iindlela zabo phambi kwam zaba njengobunqambi bomfazi onomzi.
18 Ndaphalaza ubushushu bam phezu kwabo ngenxa yegazi, ababeliphalaze ezweni elo, nangenxa yokulenza inqambi kwabo ngezigodo zabo.
19 Ndabenza baba lusali ezintlangeni, bachithwachithwa emazweni; ndabagweba ngokweendlela zabo, nangokweentlondi zabo.
20 Bafika ezintlangeni ezo babesiya kuzo, balihlambela igama lam elingcwele; ekubeni bekusithiwa ngabo, Ngabantu bakaYehova aba, baphumé ezweni lakhe.
21 Ndaba nofefe ngenxa yegama lam elingcwele, ebeyilihlambele indlu kaSirayeli ezintlangeni ábaya kuzo.
22 Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Andenzi ngenxa yenu, ndlu kaSirayeli; ndenza ngenxa yegama lam elingcwele, enilihlambeleyo ezintlangeni ebe niye kuzo.