21 Ndaba nofefe ngenxa yegama lam elingcwele, ebeyilihlambele indlu kaSirayeli ezintlangeni ábaya kuzo.
22 Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Andenzi ngenxa yenu, ndlu kaSirayeli; ndenza ngenxa yegama lam elingcwele, enilihlambeleyo ezintlangeni ebe niye kuzo.
23 Ndiya kulingcwalisa igama lam elikhulu, elihlanjelweyo ezintlangeni, enilihlambeleyo phakathi kwazo; ukuze zazi iintlanga ukuba ndinguYehova, itsho iNkosi uYehova, ndakùzingcwalisa ngokwam kuni emehlweni azo.
24 Ndonithabatha ke ezintlangeni, ndinibuthe emazweni onke, ndinise emhlabeni wenu.
25 Ndiya kunitshiza ngamanzi amhlophe, nihlambuluke; ndinihlambùlule kubunqambi benu bonke, nakwizigodo zenu zonke.
26 Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo elilitye enyameni yenu, ndininike intliziyo eyinyama.
27 Ndofaka uMoya wam ngaphakathi kwenu, ndinenze nihambe ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze;