6 Ngako oko, profeta ngomhlaba wakwaSirayeli, uthi kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndithethé ndinobukhwele, ndinobushushu, ngenxa enokuba nilithwele ihlazo leentlanga.
7 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndisiphakamisile isandla sam; inyaniso, iintlanga ezingeenxa zonke kuni, zona ziya kuthwala ihlazo lazo.
8 Ke nina, zintaba zakwaSirayeli, niya kuvelisa amasebe, iziqhamo zenu nizixakathele abantu bam amaSirayeli; ngokuba sekukufuphi ukuvela kwazo.
9 Ngokuba, niyabona, ndingakuni; ndobuyela kuni, nilinywe, nihlwayelwe.
10 Ndiya kwandisela abantu phezu kwenu, yonke indlu kaSirayeli, yonke iphela, imiwe imizi, akhiwe amanxuwa.
11 Ndiya kwandisela abantu ke neenkomo phezu kwenu, bande, baqhame; ndinènze nimiwe ngokwangaphambili ke, ndinenzele okulungileyo ngaphezu kokwasekuqaleni kwenu; názi ukuba ndinguYehova.
12 Ndohambisa abantu phezu kwenu, abantu bam amaSirayeli, bakuzuze ube lilifa labo, ungasabuyi ubahluthe abantwana.