1 Saba phezu kwam isandla sikaYehova; waphuma nam uYehova, ndikuMoya, wandibeka entilini phakathi; yona ke izele ngamathambo.
2 Wandidlulisa kuwo, wandijikelezisa ngeenxa zonke; yabona, ebemaninzi kakhulu entilini leyo; yabona, ebeselomile kakhulu.
3 Wathi ke kum, Nyana womntu, aya kuphila na ke la mathambo? Ndathi, Nkosi Yehova, kwazi wena.
4 Wathi kum, Profeta phezu kwala mathambo, uthi kuwo, Mathambondini, liveni ilizwi likaYehova.
5 Itsho iNkosi uYehova kula mathambo, ukuthi, Niyabona, ndingenisa umoya kuni; niya kuphila ke.
6 Ndiya kunifaka imisipha, ndimilise kuni inyama, ndinaleke ngolùsu, ndifake umoya ngaphakathi kwenu, niphile; názi ukuba ndinguYehova.
7 Ndaprofeta ngoko bendiwiselwe umthetho ngako; kwabakho isandi ndàkuprofeta; nanko kurhashaza, asondelelana amathambo, ithambo lasondela kwithambo lalo.