4 Ndiya kukuphambanisa, ndikufake amakhonkco emihlathini, ndikurhole nempi yakho yonke, amahashe nabamahashe, abaxhobe baphelelisela bonke bephela, ibandla elikhulu, benamakhaka neengweletshetshe, bephethe amakrele bonke bephela:
5 benamaPersi namaKushi namaPuti, onke ephela eneengweletshetshe nezigcina-ntloko; uGomere namahlelo akhe onke,
6 nendlu kaTogarma ezingontsini zasentla, inamahlelo akhe onke; izizwe ezininzi zinawe.
7 Lunga, uzilungisele iinto zonke, wena nebandla lakho lonke, elibizelwe ndawonye kuwe, ube ngumgcini walo.
8 Emva kwemihla emininzi ùya kuvelelwa; ekupheleni kweminyaka leyo uya kufika elizweni elibuyisiweyo ekreleni, libuthiwe ezizweni ezininzi; ufike ezintabeni zakwaSirayeli ezahlala zibharhile. Lona likhutshwé ezizweni, baza bahlala bekholosile bonke bephela.
9 Ùya kunyuka uze njengesiphango, njengelifu ukulisibekela ilizwe, wena namahlelo akho onke, nezizwe ezininzi ezinawe.
10 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngaloo mini, kuya kuthi qatha izinto entliziyweni yakho, ucinge ingcinga embi.