7 Lunga, uzilungisele iinto zonke, wena nebandla lakho lonke, elibizelwe ndawonye kuwe, ube ngumgcini walo.
8 Emva kwemihla emininzi ùya kuvelelwa; ekupheleni kweminyaka leyo uya kufika elizweni elibuyisiweyo ekreleni, libuthiwe ezizweni ezininzi; ufike ezintabeni zakwaSirayeli ezahlala zibharhile. Lona likhutshwé ezizweni, baza bahlala bekholosile bonke bephela.
9 Ùya kunyuka uze njengesiphango, njengelifu ukulisibekela ilizwe, wena namahlelo akho onke, nezizwe ezininzi ezinawe.
10 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngaloo mini, kuya kuthi qatha izinto entliziyweni yakho, ucinge ingcinga embi.
11 Uya kuthi, Ndiya kunyuka ndiye ezweni lamaphandle; ndiya kubafikela abazolileyo, abahleli bekholosile bonke bephela, abahleli bengenazindonga, bengenamivalo nazingcango;
12 ukuba uthimbe, uhlasele amaxhoba, usibuyisele isandla sakho kumanxuwa amiweyo, nakubantu abahlanganisiweyo ezintlangeni, bezuze imfuyo nempahla, abahleli esazulwini somhlaba.
13 OoShebha noDedan, nabarhwebi baseTarshishe, neengonyama ezintsha zabo zonke, baya kuthi kuwe, Uzé kuthimba na, ukuba lihlasele amaxhoba na ibandla lakho olibizele ndawonye? ukuba limke negolide nesilivere, lithabathe imfuyo nempahla, lithimbe kakhulu na?