14 Iintsika wazenza zangamashumi omathandathu eekubhite; yeza kuma ngentsika intendelezo ejikelezileyo ngeenxa zonke esangweni.
15 Ke ukuthabathela phambi kwesango lokungena, kuse phambi kwevaranda yesango eliphakathi, zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu.
16 Bekukho iifestile ezivaliweyo emagumbini okulinda nasezintsikeni zawo ngecala eliphakathi esangweni, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukwanjalo nasezingqamekweni. Bekukho iifestile ngaphakathi, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukho namasundu ezintsikeni.
17 Wandisa entendelezweni ephandle; nanko, kwenziwe amagumbi nombekelelo wamatye, kwajikeleza ngeenxa zonke entendelezweni; yayingamagumbi angamashumi mathathu embekelelweni wamatye.
18 Umbekelelo wamatye ubusemacaleni amasango, ulungelelene nobude bamasango; umbekelelo lowo uphantsi.
19 Walinganisa ububanzi, ethabathela phambi kwesango lentendelezo ephantsi, esa phambi kwelentendelezo ephakathi nganeno kwalo; zalikhulu leekubhite ngasempumalanga nangasentla.
20 Isango elibheké entla ngasentendelezweni ephandle, wabulinganisa ubude balo nobubanzi balo;