29 namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.
30 Iingqameko zajikeleza ngeenxa zonke: zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ubude, zaba ziikubhite ezintlanu ububanzi.
31 Iingqameko zalo zabheka entendelezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika zalo. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.
32 Wandísa entendelezweni ephakathi, esingise empumalanga, walilinganisa isango kwangokwaloo milinganiso;
33 namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo, nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; aba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.
34 Iingqameko zalo zabheka entendelezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.
35 Wandísa esangweni lasentla, walilinganisa kwangokwaloo milinganiso;