37 Iintsika zalo zakhangela entendelezweni ephandle; zinamasundu iintsika zalo ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.
38 Igumbi nomnyango walo lalingasezintsikeni zamasango; bebewahlamba khona amadini anyukayo.
39 Evarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini ngapha, iitafile ezimbini nangapha, zokuxhelela amadini anyukayo, nawesono, nawetyala.
40 Ecaleni elingaphandle, konyukayo esiya ekungeneni kwesango ngasentla, bekukho iitafile ezimbini; nakwelinye icala ngasevarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini.
41 Kwabakho iitafile eziné ngapha, iitafile eziné nangapha, ecaleni lesango; ziitafile ezisibhozo, zokuxhelela kuzo.
42 Kananjalo bekukho neetafile eziné ngasezinyukweni zamatye aqingqiweyo, aba yikubhite enye enesiqingatha ubude, ikubhite enye enesiqingatha ububanzi, ikubhite enye ukuphakama, ukuze babeke kuzo iimpahla zokuxhela amadini anyukayo nemibingelelo.
43 Amabhaxa angangobubanzi besandla, abe eqiniselwe endlwini, ajikeleza ngeenxa zonke; yaye isezitafileni inyama yomsondezo.