14 Ububanzi bobuso bayo indlu, nobendawo eqhiwukileyo ekhangele empumalanga baba ziikubhite ezilikhulu.
15 Wabulinganisa ke ubude besakhiwo esibe siphambi kwendawo eqhiwukileyo, ebe singasemva kwayo, neegalari* zaso ngapha nangapha, iikubhite zaba likhulu; nendawo engcwele yangaphakathi, neevaranda* zentendelezo.
16 Imibundu leyo yeminyango, neefestile ezo zivaliweyo, neegalari ezo zijikelezileyo ezindidini zazo zontathu (malunga nemibundu yeminyango kukho amaceba emithi, ejikelezíle ngeenxa zonke; nomhlaba ude wema ngeefestile, iifestile ke zigutyungelwe),
17 naphezu kweminyango, kwada kwasendlwini ngaphakathi nangaphandle, naseludongeni lonke, kwajikeleza ngeenxa zonke, ngaphakathi nangaphandle, kwaba yimilinganiso.
18 Kwaye kwenziwe iikerubhi* namasundu; yalisundu phakathi kwekerubhi nekerubhi; ikerubhi yanobuso obubini;
19 yabubuso bomntu obubheké esundwini ngapha, yabubuso bengonyama obubheké esundwini ngapha. Kwaye kwenjiwe njalo endlwini yonke, kwajikeleza ngeenxa zonke.
20 Zenziwa zathabathela emhlabeni zesa phezu kweminyango, iikerubhi namasundu, eludongeni ke lwetempile.