17 naphezu kweminyango, kwada kwasendlwini ngaphakathi nangaphandle, naseludongeni lonke, kwajikeleza ngeenxa zonke, ngaphakathi nangaphandle, kwaba yimilinganiso.
18 Kwaye kwenziwe iikerubhi* namasundu; yalisundu phakathi kwekerubhi nekerubhi; ikerubhi yanobuso obubini;
19 yabubuso bomntu obubheké esundwini ngapha, yabubuso bengonyama obubheké esundwini ngapha. Kwaye kwenjiwe njalo endlwini yonke, kwajikeleza ngeenxa zonke.
20 Zenziwa zathabathela emhlabeni zesa phezu kweminyango, iikerubhi namasundu, eludongeni ke lwetempile.
21 Itempile, imigubasi yayo ibe imbombo-né; nobuso bengcwele, imbonakalo yabo yabonakala ikwanjalo.
22 Isibingelelo sasingumthi, ukubhitentathu ukuphakama, buziikubhite-mbini ubude baso; besineembombo zaso nommiso waso, namacala aso engumthi. Wathi kum, Le yitafile ephambi koYehova.
23 Bezimbini iingcango zetempile nezengcwele.