8 Ndabona kwasendlwini le indawo ephakamileyo, ejikelezileyo ngeenxa zonke; iziseko zamagumbi endawo yokwayama zaziyingcongolo* epheleyo, ziikubhite ezintandathu, ukuya entlanganweni.
9 Ububanzi bodonga, ebe inabo indawo yokwayama ngaphandle, bebuziikubhite ezintlanu; yaba kwanjalo indawo eshiyekileyo endlwini enamagumbi endawo yokwayama ekule ndlu.
10 Phakathi kwamagumbi ibe ibububanzi beekubhite ezimashumi mabini obujikelezileyo, bayijikeleza indlu ngeenxa zonke.
11 Iminyango yendawo yokwayama yayikhangele endaweni eshiyekileyo; omnye umnyango ukhangele ngentla, omnye umnyango ukhangele ngezantsi; ububanzi bendawo eshiyekileyo bebuziikubhite ezintlanu, bajikeleza ngeenxa zonke.
12 Isakhiwo esibe siphambi kwendawo eqhiwukileyo, sasiziikubhite ezimashumi asixhenxe ububanzi baso ngecala elisingise entshonalanga; udonga lwesakhiwo eso lwaluziikubhite ezintlanu ububanzi balo; lwajikeleza ngeenxa zonke, nobude baso baba ziikubhite ezimashumi asithoba.
13 Wayilinganisa ke indlu leyo, yaba ziikubhite ezilikhulu ubude; indawo eqhiwukileyo, nesakhiwo sayo, neendonga zaso, zaba ziikubhite ezilikhulu ubude.
14 Ububanzi bobuso bayo indlu, nobendawo eqhiwukileyo ekhangele empumalanga baba ziikubhite ezilikhulu.