1 Waphuma nam, waya entendelezweni engaphandle ngendlela esinga ngentla, wandísa emagumbini amalunga nendawo le iqhiwukileyo, amalunga nesakhiwo eso, akhangele entla.
2 Phambi kwecala elibude buziikubhite ezilikhulu, elimnyango ungasentla, ububanzi baba ziikubhite ezimashumi mahlanu.
3 Malunga neekubhite ezimashumi mabini zentendelezo engaphakathi, malunga nombekelelo wamatye osentendelezweni engaphandle, yaba yigalari* isinge egalarini eludidini lwesithathu.
4 Phambi kwamagumbi kwakukho indawo yokuhamba, ububanzi bayo buziikubhite ezilishumi; kukho indlela eziikubhite zilikhulu, ebheka phakathi; iminyango yazo ke ibheka ngentla.
5 Ke amagumbi aphezulu ebemafuphi kunawaphantsi, kunaphakathi esakhiweni; ngokuba iigalari zawadlela.