13 Wathi kum, Amagumbi angasentla namagumbi angasezantsi, aphambi kwendawo eqhiwukileyo, wona ngamagumbi angcwele, apho ababingeleli abasondelàyo kuYehova baya kudlela khona ezona nto zingcwele; apho baya kuzibeka khona ezona nto zingcwele, umnikelo wokudla, nedini lesono, neletyala; ngokuba le ndawo ingcwele.
14 Bakùngena ababingeleli, mabangaphumi engcweleni, baye entendelezweni engaphandle; bozibeka apho iingubo zabo, abalungiselela benazo, ngokuba zingcwele; mabambathe ngubo zimbi, basondele ke kokwabantu.
15 Wathi ke akugqiba ukuyilinganisa indlu ephakathi, waphuma nam, wasingisa ngendlela yesango elibheké empumalanga, walinganisa khona, wajikeleza ngeenxa zonke.
16 Walinganisa icala lasempumalanga ngengcongolo yokulinganisa;* yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.
17 Walinganisa icala langasentla; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.
18 Kwicala langasezantsi walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngencongolo yokulinganisa.
19 Wajikela ecaleni langasentshonalanga, walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngengcongolo yokulinganisa.