4 Phambi kwamagumbi kwakukho indawo yokuhamba, ububanzi bayo buziikubhite ezilishumi; kukho indlela eziikubhite zilikhulu, ebheka phakathi; iminyango yazo ke ibheka ngentla.
5 Ke amagumbi aphezulu ebemafuphi kunawaphantsi, kunaphakathi esakhiweni; ngokuba iigalari zawadlela.
6 Ngokuba ebendidi ntathu wona, engenazintsika, njengokuba iintendelezo zineentsika; ngenxa yoko kwarhoxiswa kwalá angaphantsi kwanalá aphakathi esikhundleni sawo.
7 Ke udonga olwalungaphandle, lulungelelene namagumbi, lwasinga entendelezweni engaphandle phambi kwamagumbi la; ubude balo babuziikubhite ezimashumi mahlanu.
8 Ngokuba ubude bamagumbi entendelezo engaphandle baba ziikubhite ezimashumi mahlanu; kodwa ke phambi kwetempile baba ziikubhite ezilikhulu.
9 Ngaphantsi kwala magumbi, ukungena bekuvelwa ngasempumalanga ekuyiweni kuwo, kuvelwa entendelezweni engaphandle.
10 Ebubanzini bodonga lwentendelezo, kusingise empumalanga, phambi kwendawo eqhiwukileyo naphambi kwesakhiwo, bekukho amagumbi.