18 Zoba ziinkontsho zelinen ezintlokweni zabo, ibe ziibhulukhwe zelinen ezinqeni zabo; abayi kubhinqa, bazibilise.
19 Bothi, ekuphumeni kwabo, besinga entendelezweni engaphandle, entendelezweni engaphandle besiya ebantwini, bazihlube iingubo zabo ababelungiselela benazo, bezibeke emagumbini angcwele, bambathe ngubo zimbi, bangàbangcwalisi abantu ngeengubo zabo.
20 Mabangazichebi iintloko, bangaziyeki iinwele zabo zibe ngamayakayaka; bozinquthula iintloko.
21 Mabangaseli wayini bonke ababingeleli ekungeneni kwabo entendelezweni ephakathi.
22 Umhlolokazi nomfazi owaliweyo mabangabazeki babe ngabafazi babo; bozeka iintombi eziziintombi kwimbewu yendlu kaSirayeli, kwanomhlolokazi othe waba ngumhlolokazi wombingeleli.
23 Bobayala abantu bam, ukuba bahlule okungcwele kokuhlambeleyo, babazíse okuyinqambi nokuhlambulukileyo.
24 Ekubambaneni kwabantu mabeme bona, bagwebe ngokwamasiko am, bagcine imiyalelo yam nemimiselo yam ngamaxesha am onke amisiweyo, bazingcwalise iisabatha zam.