21 Mabangaseli wayini bonke ababingeleli ekungeneni kwabo entendelezweni ephakathi.
22 Umhlolokazi nomfazi owaliweyo mabangabazeki babe ngabafazi babo; bozeka iintombi eziziintombi kwimbewu yendlu kaSirayeli, kwanomhlolokazi othe waba ngumhlolokazi wombingeleli.
23 Bobayala abantu bam, ukuba bahlule okungcwele kokuhlambeleyo, babazíse okuyinqambi nokuhlambulukileyo.
24 Ekubambaneni kwabantu mabeme bona, bagwebe ngokwamasiko am, bagcine imiyalelo yam nemimiselo yam ngamaxesha am onke amisiweyo, bazingcwalise iisabatha zam.
25 Mabangayi emntwini ofileyo, bazenze iinqambi; kungába kungoyise, nonina, nonyana, nentombi yabo, nomzalwana, nodade wabo ongabanga nandoda, abangázenza iinqambi ngabo, bona bodwa.
26 Bombalela imihla esixhenxe emva kokuhlanjululwa kwakhe.
27 Ngomhla ke wokungena kwakhe engcweleni, entendelezweni ephakathi, ukuze alungiselele engcweleni, wosondeza idini lakhe lesono; itsho iNkosi uYehova.