10 Yibani nesikali* sobulungisa, ne-efa* yobulungisa, nebhate* yobulungisa.
11 Iefa nebhate yoba mlinganiso mnye, ibhate ikhongozele isahlulo seshumi sehomere,* ne-efa isahlulo seshumi sehomere, sibe ngokwehomere isilinganiselo sayo.
12 Ishekele* yoba ngamashumi amabini eegera;* amashumi amabini eeshekele, amashumi amabini anesihlanu eeshekele, ishumi elinesihlanu leeshekele, ibe yimina* kum.
13 Nguwo lo umrhumo eniya kurhuma ngawo; isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yengqolowa, nirhume isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yerhasi; nomlinganiso omisiweyo weoli,
14 webhate yeoli, nirhume isahlulo seshumi sebhate ekoreni,* ezibhateni ezilishumi ehomereni ke; kuba iibhate ezilishumi ziyihomere.
15 Norhuma ixhwane libe linye empahleni emfutshane engamakhulu amabini, yasemakriweni anamanzi akwaSirayeli, ibe yeyomnikelo wokudla, neyedini elinyukayo, neyemibingelelo yoxolo, ukuba bacanyagushelwe; itsho iNkosi uYehova.
16 Bonke abantu belizwe eli bosirhumela lo mrhumo isikhulu sakwaSirayeli.