6 Okomzi koba ngamawaka amahlanu obubanzi, anamashumi amabini anamahlanu amawaka obude, elungelelene nomrhumo ongcwele; ibe ngawendlu yonke kaSirayeli.
7 Isikhulu nosinika ngapha nangapha komrhumo ongcwele, nakokomzi phambi komrhumo ongcwele, naphambi kokomzi ngecala lasentshonalanga, nise entshonalanga, nangecala lasempumalanga, nise empumalanga; ubude bulungelelane nesinye isahlulo sezizwe, buthabathele emdeni wasentshonalanga, buse emdeni wasempumalanga.
8 Loba lilizwe laso, libe yinzuzo kuso kwaSirayeli; izikhulu zam zingabuyi zibe sabaxinzelela phantsi abantu bam; ke ilizwe zilinike indlu kaSirayeli ngokwezizwe zayo.
9 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yan elani, nina zikhulu zakwaSirayeli; yekani ukugonyamela nokubhuqa, nenzè okusesikweni nobulungisa; yekani ukubagxotha abantu bam emafeni abo; itsho iNkosi uYehova.
10 Yibani nesikali* sobulungisa, ne-efa* yobulungisa, nebhate* yobulungisa.
11 Iefa nebhate yoba mlinganiso mnye, ibhate ikhongozele isahlulo seshumi sehomere,* ne-efa isahlulo seshumi sehomere, sibe ngokwehomere isilinganiselo sayo.
12 Ishekele* yoba ngamashumi amabini eegera;* amashumi amabini eeshekele, amashumi amabini anesihlanu eeshekele, ishumi elinesihlanu leeshekele, ibe yimina* kum.