13 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nguwo lo umda, eniya kuzabela ngawo ilizwe, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zikaSirayeli; uYosefu woba namacandelo amabini.
14 Ilizwe niya kulidla ilifa, elowo alidle njengowabo; ngokuba ndaphakamisa isandla sam sokuba ndilinike oyihlo; lowela kuni eli lizwe ngokwelifa.
15 Nguwo lo umda welizwe elo: ngecala langasentla wóthabathela kulwandle olukhulu ngendlela yaseHetelon, ukuba uye eTsedada;
16 eHamati, naseBherota, naseSibrayim, ephakathi komda waseDamasko nomda waseHamati, naseHatsere ephakathi, esemdeni waseHawuran.
17 Umda uthabathela elwandle, ume ngeHatsare-enon, umda waseDamasko; owasentla ngasentla umda waseHamati.
18 Licala lasentla ke elo. Icala langasempumalanga, phakathi kweHawuran neDamasko neGiliyadi nelizwe lakwaSirayeli, yiYordan; nothabathela emdeni lowa, nise phezu kolwandle lwangasempumalanga ukulinganisa. Licala lasempumalanga ke elo.
19 Icala lasezantsi ngasezantsi lothabathela kwaTamare, lise emanzini embambano aseKadeshe, lihambe ngomlambo, lise kulo ulwandle olukhulu. Licala lasezantsi ngasezantsi ke elo.