15 Nguwo lo umda welizwe elo: ngecala langasentla wóthabathela kulwandle olukhulu ngendlela yaseHetelon, ukuba uye eTsedada;
16 eHamati, naseBherota, naseSibrayim, ephakathi komda waseDamasko nomda waseHamati, naseHatsere ephakathi, esemdeni waseHawuran.
17 Umda uthabathela elwandle, ume ngeHatsare-enon, umda waseDamasko; owasentla ngasentla umda waseHamati.
18 Licala lasentla ke elo. Icala langasempumalanga, phakathi kweHawuran neDamasko neGiliyadi nelizwe lakwaSirayeli, yiYordan; nothabathela emdeni lowa, nise phezu kolwandle lwangasempumalanga ukulinganisa. Licala lasempumalanga ke elo.
19 Icala lasezantsi ngasezantsi lothabathela kwaTamare, lise emanzini embambano aseKadeshe, lihambe ngomlambo, lise kulo ulwandle olukhulu. Licala lasezantsi ngasezantsi ke elo.
20 Icala lasentshonalanga lulwandle olukhulu, luthabathela emdeni lowo, lude lulunge nokuya eHamati. Licala lasentshonalanga ke elo.
21 Nòzabela ke eli lizwe ngokwezizwe zakwaSirayeli.