13 Ke abaLevi bozuza isahlulo esinxulumene nomda wababingeleli, sibe ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, sibe lishumi lamawaka ububanzi; bonke ubude bube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka, nobubanzi bube lishumi lamawaka.
14 Ke abayi kuthengisa ngento yaso, bangananisi ngayo, bangayidluliseli kwabanye intlahlela yelo zwe; ngokuba ingcwele kuYehova.
15 Ke amawaka amahlanu aseleyo ebubanzini, kumawaka angamashumi amabini anamahlanu, àkangcwele; ngawomzi, ngawendawo yokuma neyephandle.
16 Umzi woba sesazulwini sawo. Yiyo le imilinganiso: icala langasentla loba ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala langasezantsi libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala lasempumalanga libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala lasentshonalanga libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu.
17 Iphandle lomzi ngasentla loba ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasezantsi libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasempumalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasentshonalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu.
18 Okuseleyo ebudeni obunxulumene nomrhumo ongcwele, koba ngamawaka alishumi ngasempumalanga, kube ngamawaka alishumi ngasentshonalanga; onxulumana nomrhumo ongcwele; ungeniselo lwawo lube kukudla kwabasebenzi bawo umzi.
19 Abasebenzi abo ke bomzi bowalima, bengabasezizweni zonke zakwaSirayeli.