21 Indawo eseleyo yoba yeyesikhulu, ngapha nangapha komrhumo ongcwele, nakwinzuzo yomzi; ngaphambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu omrhumo, ide iye emdeni wasempumalanga, nangasentshonalanga phambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu, ngasemdeni wentshonalanga, inxulumene nezinye izahlulo, yoba yeyesikhulu; umrhumo ongcwele nengcwele yayo indlu yoba sesazulwini sayo.
22 Kuthabathela ke enzuzweni yabaLevi, kuthabathela enzuzweni yomzi, esazulwini senzuzo yesikhulu, phakathi komda kaYuda nomda kaBhenjamin, koba kokwesikhulu.
23 Eziseleyo ke izizwe: kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uBhenjamin woba necandelo elinye.
24 Ngasemdeni ke kaBhenjamin, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uSimon, libe linye.
25 Ngasemdeni ke kaSimon, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uIsakare, libe linye.
26 Ngasemdeni ke kaIsakare, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uZebhulon, libe linye.
27 Ngasemdeni ke kaZebhulon, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uGadi, libe linye.