3 Ngasemdeni ke ka-Ashere, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uNafetali, libe linye.
4 Ngasemdeni kaNafetali, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uManase, libe linye.
5 Ngasemdeni kaManase, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uEfrayim, libe linye.
6 Ngasemdeni kaEfrayim, kuthabathele ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uRubhen, libe linye.
7 Ngasemdeni kaRubhen, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uYuda, libe linye.
8 Ngasemdeni kaYuda, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga, yoba ngumrhumo eniya kuwurhuma; ube ngamawaka angamashumi amabini anamahlanu eengcongolo* ububanzi, ubude ke bube njengobesinye isahlulo, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kude kuye ecaleni lasentshonalanga; ingcwele isesazulwini sawo.
9 Umrhumo eniya kuwurhumela uYehova woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamawaka alishumi ububanzi.