11 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, ngenxa enokuba ingcwele yam ùyenzé inqambi ngeento zakho zonke ezinezothe, nangamasikizi akho onke, nam ndiya kulisusa iliso lam, lingabi nanceba, ndingacongi nam.
12 Isahlulo sesithathu kuwe siya kufa yindyikitya yokufa, siphele nayindlala esazulwini sakho; esinye isahlulo sesithathu siwè likrele ngeenxa zonke kuwe; esinye isahlulo sesithathu ndisichithachithe emimoyeni yonke, ndirhole ikrele emva kwabo.
13 Wóphelela ke kubo umsindo wam, ndibupholisele kubo ubushushu bam, ndithuthuzeleke; bazi ukuba mna Yehova ndithethé ndinekhwele, ekubuphleleliseleni ubushushu bam kubo.
14 Phezu koko ndokwenza ube linxuwa nesingcikivo ezintlangeni ezingeenxa zonke kuwe, emehlweni abo bonke abadlulayo.
15 Ùya kuba sisingcikivo nesinyeliso, ube sisithethiso nommangaliso kwiintlanga ezingeenxa zonke kuwe, ekwenzeni kwam izigwebo kuwe ngomsindo nangobushushu, nangezohlwayo zobushushu; mna Yehova ndithethile:
16 nasekuzithumeni kwam kuwe iintolo ezimbi zendlala, ezizezolonakaliso, endiya kuzithuma ukuze zinonakalise. Ndiya kuyandisa indlala phezu kwenu, ndiwaphule umsimelelo osisonka kuni;
17 ndithùme phezu kwenu indlala namarhamncwa, akuhluthe abantwana, ifikelele kuwe indyikitya yokufa negazi, ndikuzisele ikrele; mna Yehova ndithethile.