2 Esinye isahlulo sesithathu uze usitshise ngomlilo esazulwini somzi, zakuzaliseka iintsuku zongqingo; uthabathe nesinye isahlulo sesithathu, uxabele ngekrele ngeenxa zonke kuso; nesinye isahlulo sesithathu usichithachithe emoyeni, ndirhole ikrele emva kwazo.
3 Uze uthabathe kuzo zibe mbalwa, uzibophe esondweni lengubo yakho;
4 ubuye uthabathe kuzo, uziphose emlilweni, uzitshise ngomlilo. Khona apho kuya kuphuma umlilo, uye kuyo yonke indlu kaSirayeli.
5 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Le Yerusalem ndiyimise esazulwini seentlanga, amazwe angeenxa zonke kuyo.
6 Ke iwaphikisile ngokungendawo amasiko am ngaphezu kweentlanga, nemimiselo yam ngaphezu kwamazwe angeenxa zonke kuyo; ngokuba bawacekisile amasiko am, àbahamba ngemimiselo yam.
7 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba nangxola ngaphezu kweentlanga ebezingeenxa zonke kuni, ànahamba ngemimiselo yam, ànawenza amasiko am, ànenza nangolwamasiko eentlanga ebezingeenxa zonke kuni:
8 ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, mna, ewe mna, ndikuchasile; ndiya kwenza izigwebo esazulwini sakho emehlweni eentlanga;