2 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho ezintabeni zakwaSirayeli, uprofetele kuzo, uthi,
3 Yivani, nina zintaba zakwaSirayeli, ilizwi leNkosi uYehova. Itsho iNkosi uYehova kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, ukuthi, Yabonani, ndinizisela ikrele, ndizidìlize izigánga zenu.
4 Ziya kuba ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe izithixo zenu zelanga; ndibakhahlele ababuleweyo benu phambi kwezigogo zenu.
5 Ndozibeka izidumbu zoonyana bakaSirayeli phambi kwezigodo zabo, ndiwachithachithe amathambo enu ngeenxa zonke ezibingelelweni zenu.
6 Imizi yoba ngamanxuwa ezindaweni zonke zokuhlala kwenu, zichithakale izigánga; ukuze zichithakale zibe ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe ziphele izigodo zenu, zigawulwe izithixo zenu zelanga, icinywe imisebenzi yenu.
7 Úya kuwa obuleweyo esazulwini senu; nazi ukuba ndinguYehova.
8 Ndiya kushiya amasalela, ngokuthi kubekho kuni abasindileyo ekreleni phakathi kweentlanga, ekuchithwachithweni kwenu emazweni.