4 Ziya kuba ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe izithixo zenu zelanga; ndibakhahlele ababuleweyo benu phambi kwezigogo zenu.
5 Ndozibeka izidumbu zoonyana bakaSirayeli phambi kwezigodo zabo, ndiwachithachithe amathambo enu ngeenxa zonke ezibingelelweni zenu.
6 Imizi yoba ngamanxuwa ezindaweni zonke zokuhlala kwenu, zichithakale izigánga; ukuze zichithakale zibe ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe ziphele izigodo zenu, zigawulwe izithixo zenu zelanga, icinywe imisebenzi yenu.
7 Úya kuwa obuleweyo esazulwini senu; nazi ukuba ndinguYehova.
8 Ndiya kushiya amasalela, ngokuthi kubekho kuni abasindileyo ekreleni phakathi kweentlanga, ekuchithwachithweni kwenu emazweni.
9 Abasindileyo benu baya kundikhumbula phakathi kweentlanga abathinjelwe kuzo, xa ndithe ndayaphula intliziyo yabo ehenyuzayo, eyemkayo kum, namehlo abo abehenyuza ngokulandela izigodo zabo; bakruqùke bububi ababenzileyo ngokusingisele emasikizini abo onke.
10 Baya kwazi ukuba ndinguYehova; andifumane ndathetha ndathi, Ndiya kubenza obu bubi kubo.