7 Úya kuwa obuleweyo esazulwini senu; nazi ukuba ndinguYehova.
8 Ndiya kushiya amasalela, ngokuthi kubekho kuni abasindileyo ekreleni phakathi kweentlanga, ekuchithwachithweni kwenu emazweni.
9 Abasindileyo benu baya kundikhumbula phakathi kweentlanga abathinjelwe kuzo, xa ndithe ndayaphula intliziyo yabo ehenyuzayo, eyemkayo kum, namehlo abo abehenyuza ngokulandela izigodo zabo; bakruqùke bububi ababenzileyo ngokusingisele emasikizini abo onke.
10 Baya kwazi ukuba ndinguYehova; andifumane ndathetha ndathi, Ndiya kubenza obu bubi kubo.
11 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Betha esandleni sakho, ungqishe ngonyawo lwakho, uthi, Yeha! ngenxa yawo onke amasikizi amabi endlu kaSirayeli; kuba baya kuwa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa.
12 Okude uya kufa yindyikitya yokufa, okufuphi awe likrele, nosale walondolozwa afe yindlala; ndibuphelelìsele kubo ubushushu bam.
13 Niya kwazi ukuba ndinguYehova, bakuba ababuleweyo benu bephakathi kwezigodo zenu ngeenxa zonke ezibingelelweni zenu, ezindulini zonke eziphakamileyo, ezincotsheni zonke zeentaba, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, naphantsi kwemiterebhinti* ethe shinyi, ezindaweni ababenikela kuzo ivumba elithozamisayo kwizigodo zabo zonke.