1 Kananjalo kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2 Wena, wena ke nyana womntu, itsho iNkosi uYehova kumhlaba wakwaSirayeli ukuthi, Isiphelo, isiphelo siwafikele amasondo omané elizwe.
3 Kaloku isiphelo sikufikele; ndiya kuwukhuphela umsindo wam kuwe, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho amasikizi akho onke.
4 Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kukuzisela iindlela zakho, abe sesazulwini sakho amasikizi akho; názi ukuba ndinguYehova.
5 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ububi, ububi obubodwa; yabonani, buyeza.
6 Kuza isiphelo, isiphelo sona siyeza, sikuvukele wena; yabona siyeza.
7 Úyakuzela umjojo, mmi welizwe eli; liyeza ixesha, isondele imini; kusisaqunge, akungamayeyeye emihlali ezintabeni.