10 Nantso imini! Nantso, ifikile! Uphuma umjojo, luphuma amathupha uswazi, kuyatyatyamba ukukhukhumala.
11 Ugonyamelo luphakame lwaba luswazi lokungendawo; akuyi kubakho namnye kubo osalayo, kungabikho nto kwingxokolo yabo, kungabikho nto kwintabalala yabo; kungabikho njuze isalayo kubo.
12 Lifikile ixesha, isondele imini; othengayo makangavuyi, othengisayo makangenzi sijwili; ngokuba ukuvutha komsindo kuyayizela yonke ingxokolo yakhona.
13 Ngokuba othengisayo akayi kubuyela entweni abethengise ngayo, nokuba ubesadla ubomi phakathi kwabadla ubomi; ngokuba umbono ongéngxokolo yonke yakhona awuyi kubuya umva; kungàbikho bani ubomelezayo ubomi bakhe ebugwenxeni bakhe.
14 Bavuthela isigodlo, balungisa konke; kodwa akukho namnye oya ekulweni; ngokuba ubushushu bam buyizèle ingxokolo yabo yonke.
15 Ngekrele ngaphandle, ngendyikitya yokufa nangendlala ngaphakathi: osendle uya kufa likrele, ophakathi komzi adliwe yindlala nayindyikitya yokufa.
16 Ke abasindileyo kubo bosinda, babe sezintabeni njengamavukuthu asemifuleni, bedumzela bonke bephela, elowo edumzela ngobugwenxa bakhe.