19 Isilivere yabo baya kuyiphosa ezitratweni, negolide yabo ibe yinto engcolileyo kubo. Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; abayi kuwuhluthisa ngayo umphefumlo wabo, nombilini wabo bangàwuzalisi ngayo; ngokuba yaba sisikhubekiso sokuba babe gwenxa.
20 Isivatho sabo esinobukhazikhazi básimisela ikratshi, benza ngaso imifanekiso yabo engamasikizi, enezothe; ngenxa yoko ndiyenzé yayinto engcolileyo kubo.
21 Ndiya kuyinikela esandleni sabasemzini ukuba iphangwe, nakwabangendawo behlabathi ibe lixhoba, bayihlambele;
22 ndibùsuse ubuso bam kubo, bayihlambele ingqwebo yam; bafike abatyhobozi, bayihlambele.
23 Yenza umxokelelwane, ngokuba ilizwe liliphalaza igazi elimsulwa, nomzi uzele lugonyamelo.
24 Ndozisa abanobubi basezintlangeni, bazihluthe izindlu zabo, ndiliphelise ikratshi labanamandla, zihlanjelwe iingcwele zabo.
25 Kuyafika ukuxhalaba; bafuna uxolo, alukho.