1 Oko uSirayeli ebemncinane, ndamthanda, ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.
2 Bababiza, kwaba kukhona bemkayo ebusweni babo; babingelela kooBhahali,* baqhumisela kwimifanekiso eqingqiweyo.
3 Mna ke ndamfundisa uEfrayim ukuhamba, ndibaphatha ngeengalo zam; àbazanga noko, ukuba ndabaphilisa.
4 Ndabatsala ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengomnyinyisi wedyokhwe emihlathini yabo, ndathantamisa ukumnika ukudla.
5 Akayi kubuyela ezweni laseYiputa; nguAsiriya ukumkani wakhe; kuba abavumanga ukubuya.
6 Ikrele liya kuyijikeleza imizi yakhe, liyigqibele imivalo yakhe, liyidle, ngenxa yamacebo abo.
7 Abantu bam baphikele ukubuya umva kum; nakuba bebizelwa phezulu, àbaziphakamisi mpela.