Uhoseya 9 XHO75

Kuya kufika ukuthinjwa nesohlwayo ngenxa yokunganyaniseki kukaSirayeli

1 Musa ukuvuya, Sirayeli, ude ugcobe njengezizwe; ngokuba ùhenyuzile, wemka kuThixo wakho; uthandé utshequ ezandéni zonke zengqolowa.

2 Isandá nesixovulelo seoli asiyi kubondla, newayini entsha iya kunidanisa.

3 Abayi kuhlala ezweni likaYehova; uEfrayim uya kubuyela eYiputa, badle izinto eziyinqambi eAsiriya.

4 Abayi kumthululela uYehova iwayini, ayiyi kuba mnandi kuye nemibingelelo yabo; ukudla kwabo kubo kuya kuba njengesonka sabalilayo. Bonke abakudlayo baya kuba ziinqambi; ngokuba ukudla kwabo kuya kuba kokwabo, akuyi kungena endlwini kaYehova.

5 Nòthini na ngemini yexesha elimisiweyo, nangemini yomthendeleko kaYehova?

6 Kuba, yabonani, bemkile ngenxa yembuqo; iYiputa iya kubabutha, iMofi iya kubangcwaba; izinto zabo ezinqwenelekayo zesilivere ziya kuhluthwa ngamarhawu; yimithi enameva ezintenteni zabo.

7 Kufiké iimini zokuvelela, kufiké iimini zempindezelo; úya kwazi uSirayeli. Umprofeti sisimathane, ngumbhudi indoda enomoya, ngenxa yobukhulu bobugwenxa bakho nckutshutshisa okuninzi.

8 Ngumboniseli uEfrayim ngakuThixo wam; umprofeti ngumgibe womthiyeli ezindleleni zakhe zonke, uyintshutshiso endlwini yoThixo wakhe.

9 Batshonisile ukonakalisa kwabo, njengokwemihla yaseGibheha; úya kubukhumbula ubugwenxa babo, úya kuzivelela izono zabo.

10 Ndamfumana uSirayeli enjengeediliya entlango; ndababona ooyihlo benjengamakhiwane aqalelayo emkhiwaneni, ekuqaleni kwawo; basuka bona baya kuBhahali-pehore,* bazahlulela entweni eziintloni, baba yinto enezothe, njengesithandane sabo.

11 UEfrayim, uzuko lwakhe luya kubaleka, lumke njengentaka; kungabikho kuzala, nakumitha, nakukhawula.

12 Ewe, nokuba bathe bakhulisa oonyana, ndobahlutha abantwana, kungabikho luntu. Yeha ke bona, ekusukeni kwam kubo!

13 Ngoko ndazibonela uEfrayim, ukuba abe yiTire, etyelwe ekriweni; kodwa uEfrayim uya kubakhuphela kumbulali oonyana bakhe.

14 Bánike, Yehova; wòbanika ntoni na? Bánike isisu esiphumayo, namabele awomileyo.

15 Bonke ububi babo buseGiligali; kuba ndaqala ukubathiya khona. Ngenxa yobubi beentlondi zabo, ndiya kubagxotha endlwini yam; andiyi kuphinda ndibathande; bonke abathetheli babo baziinjubaqa.

16 Ubethiwe uEfrayim, ingcambu yabo yomile; abayi kuxakatha siqhamo. Nokuba bathe bazala, ndozibulala izinto ezinqwenelekayo zesisu sabo.

17 UThixo wam uya kubacekisa, kuba bengamphulaphulanga; baya kuphalaphala ezintlangeni.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14