Uhoseya 2 XHO75

1 Yithini kubazalwana benu, Wenani, bantu bam! níthi koodade benu, Wa, Menzelwa-mfesane!

Ukunganyaniseki kukaSirayeli kuYehova

2 Bambanani nonyoko, bambanani naye; kuba àkamfazi wam, àndindoda yakhe. Nize nitsho asuse ubuhenyu bakhe ebusweni bakhe, nokukrexeza kwakhe phakathi kwamabele akhe;

3 hleze ndimhlube abe zé, ndimmise enjengamini wazalwa, ndimenze abe njengentlango, ndimmise abe njengelizwe elingumqwebedu, ndimbulale ngenxano;

4 ndingàsikwa mfesane ngenxa yabantwana bakhe; kuba bengabantwana bobuhenyu bona.

5 Kuba unina uhenyuzile, wenzé okuziintloni umzali wabo; ngokuba wathi, Ndiya kulandela izithandane zam, ezindinika isonka sam, namanzi am, uboya bam begusha neflakisi* yam, ioli yam nento endiyiselayo.

6 Ngako oko, yabona, ndiya kuyibiyela indlela yakho ngameva, ndakhe udonga, angawufumani umendo wakhe.

7 Úya kuzisukela izithandane zakhe, angafiki kuzo; azifune, angazifumani; athi Ndiya kuya ndibuyele endodeni yam yokuqala, kuba bekulungile kum oko kunangoku.

8 Àkazi ukuba ndim owamnikayo ingqolowa, newayini entsha, neoli; ndamandisela isilivere negolide, abasuka bayenzela uBhahali.*

Ukunganyaniseki kukaSirayeli kuza kohlwaywa

9 Ngako oko ndiya kubuya, ndiyithabathe ingqolowa yam ngexesha layo, newayini yam entsha ngexesha layo elimisiweyo; ndibuhluthe uboya beegusha, neflakisi yam yokugubungela ubuzé bakhe.

10 Ngoku ke ndowatyhila amanye akhe emehlweni ezithandane zakhe, kungabikho bani umhlangulayo esandleni sam.

11 Ndoluphelisa lonke uvuyo lwakhe, umthendeleko wakhe, nokuthwasa kwenyanga kuye, neesabatha zakhe, namaxesha akhe onke amisiweyo.

12 Ndiya kuyibharhisa imidiliya yakhe, nemikhiwane yakhe, abesithi yena, Lutshedo lwam olu, endalunikwayo zizithandane zam; ndoyenza ibe lihlathi, idliwe ziinyamakazi zasendle.

13 Ndomvelela ngenxa yemihla yooBhahali, abeqhumisela ngayo kubo; abezihombisa ngamagabha akhe empumlo, nesambalo sakhe; abelandela izithandane zakhe, andilibale mna; utsho uYehova.

UYehova uya kubuya amgane uSirayeli

14 Ngako oko, yabona, ndiya kumrhwebesha, ndimse entlango, ndithethe kakuhle naye.

15 Ndomnika izidiliya zakhe, zithabathele khona, nentili yeAkore ibe lisango lethemba, aphendule khona njengeemini zobuncinane bakhe, nanjengemini yokunyuka kwakhe, ephuma ezweni laseYiputa.

16 Kuya kuthi ngaloo mini, utsho uYehova, undibize ngokuthi, Ndoda yam; ungabi sandibiza ngokuthi, Bhahali wam.

17 Ngokuba ndiya kuwasusa amagama ooBhahali emlonyeni wakhe, bangabi sakhunjulwa ngamagama abo.

18 Ngaloo mini ndobenzela umnqophiso namarhamncwa asendle, neentaka zezulu, nezinambuzane zomhlaba; ndaphule isaphetha nekrele nemfazwe, ezo zinto zingabikho ezweni; ndibahlalise bekholosile.

19 Ndokugana ube ngowam ngonaphakade, ndikugane ube ngowam ngobulungisa nangokusesikweni, nangenceba nangemfesane;

20 ndikugane ube ngowam ngokuthembeka, umàzi uYehova.

21 Kuya kuthi ngaloo mini, ndiphendule, utsho uYehova; ndiya kuliphendula izulu, lona liphendule ihlabathi;

22 ihlabathi liphendule ingqolowa, newayini entsha, neoli; ezo zinto ziphendule uYizereli.

23 Ndozihlwayelela yena elizweni, ndimenzele imfesane uAkenzelwanga-mfesane; ndithi kuAsibantubam, Ùngabantu bam; aze athi kum, ÙnguThixo wam.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14