Uhoseya 5 XHO75

Ababingeleli nabalawuli bonakalisa uSirayeli

1 Kuveni oku, babingeleli, nibaze iindlebe, nina ndlu kaSirayeli; nani ndlu yokumkani, bekani iindlebe; ngokuba uzé kuni umgwebo lo; kuba nisuke naba ngumgibe eMizpa, naba ngumnatha otwatyululweyo phezu kweTabhore.

2 Bangxokile ukonakalisa ekunxaxheni kwabo; ke ndiyintethiso kubo bonke bephela.

3 Mna ndiyamazi uEfrayim, noSirayeli àkagushiwe kum; ngokuba ùhenyuzile ngoku, wena Efrayim, uSirayeli uzenzé inqambi.

4 Izenzo zabo azivumi ukuba babuyele kuThixo wabo; kuba umoya wobuhenyu ukubo, àbamazi uYehova.

5 Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; bokhubeka noSirayeli noEfrayim ngobugwenxa babo; wokhubeka nabo kwanoYuda.

6 Baya kuya kumfuna uYehova, benempahla yabo emfutshane neenkomo zabo, bangamfumani; urhoxile kubo.

7 Bánginiza kuYehova, kuba bezele oonyana abangengabo; ngoku ke ukuthwasa kwenyanga kuyabadla, kunye nezahlulo zabo zomhlaba.

8 Vuthelani izigodlo eGibheha, nexilongo eRama; wuhlabeni eBhetaven, nithi, Emva kwakho, Bhenjamin.

9 Kuya kuba senkangala kwelakwaEfrayim ngemini yokohlwaya; ezizweni zakwaSirayeli ndisazisile isimakade sesibetho.

10 Abathetheli bakwaYuda basuka baba njengabashenxisi bomda; ngoko ke ndophalaza phezu kwabo ubushushu bam njengamanzi.

11 UEfrayim uyacudiswa, uyavikiveka ngumgwebo; kuba usuke wavuma ukulandela umthetho wabo.

12 Mna ndinjengenundu kwaEfrayim, ndinjengombungu kwindlu kaYuda.

13 Xa wasibonayo uEfrayim isifo sakhe, uYuda walibona inxeba lakhe; uEfrayim wesuka waya eAsiriya, wathumela kukumkani uYarebhi.* Akaba nako ukuniphilisa, akaba nako ukuninceda kwinxeba lenu.

14 Ngokuba ndinjengengonyama kwaEfrayim, ndinjengengonyama entsha kwindlu kaYuda mna; mna ndiyaqwenga ndimke, ndithimbe, kungabikho mhlanguli.

Ukuvuma isono nokuguquka kukaSirayeli

15 Ndiya kuhamba ndibuyele endaweni yam, bade beve benetyala, babufune ubuso bam. Ekubandezelekeni kwabo baya kundifuna benyamekile; bathi:

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14