Uhoseya 4 XHO75

Ukubambana kukaYehova noSirayeli

1 Liveni ilizwi likaYehova, nyana bakaSirayeli; ngokuba uYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe.

2 Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza; bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi.

3 Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa.

4 Kodwa makangabambani omnye nomnye, omnye makangamohlwayi omnye; abantu bakowenu banjengobambene nombingeleli.

5 Wòkhubeka emini, umprofeti enawe akhubeke ebusuku, ndimtshabalalise unyoko.

6 Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam.

7 Okukhona bandileyo, kokukhona bonileyo kum; uzuko lwabo ndiya kulwananisa ngocukucezo.

8 Badla idini lesono labantu bam; umphefumlo wabo bawuphakamisela ebugwenxeni babo.

9 Kuya kuthi, njengoko banjalo abantu, abe njalo umbingeleli; ndizivelele iindlela zakhe kuye, ndizibuyìsele kuye iintlondi zakhe.

10 Bodla bangahluthi; bahenyuze bangàndi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova.

11 Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo.

12 Abantu bam babùzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuzé bemka phantsi koThixo wabo.

13 Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki* nemipopulari* nemiterebhinti,* kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu.

14 Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza; noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namang'awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.

15 Ukuba ùyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda; musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova.

16 Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa; ngoku uYehova uya kubalusela emphangaleleni, njengamatakane.

17 UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni.

18 Igabadelè imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthandé nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo.

19 Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14