Uhoseya 8 XHO75

Unqulo-zithixo lukaSirayeli nesohlwayo salo

1 Beka isigodle emlonyeni wakho. Utshaba luyirhiwula indlu kaYehova njengexhalanga; ngenxa yokuba bewugqithile umnqophiso wam, bakreqa kumyalelo wam.

2 Baya kukhala kum, bathi, Thixo wethu, siyakwazi, thina Sirayeli.

3 Iyanuka kuSirayeli into elungileyo; utshaba malumsukele.

4 Bamisé ookumkani, bengaveli kum; benzé abathetheli, ndingàzi mna; isilivere yabo negolide yabo bayenzé izithixo, ukuze inqanyulwe.

5 Ithole lakho liyanuka, Samari: umsindo wam uyavutha kubo; kunini na bengakwazi ukuziphatha msulwa?

6 Ngokuba nalo elo liphuma kwaSirayeli; lenziwe yingcibi, àliThixo lona; ke liya kucoleka ithole lakwaSamari.

7 Ngokuba behlwayelé umoya, baya kuvuna isaqhwithi. Akukho zimba kuwo; isithombo asenzi sikhwebu; nokuba besithe saba naso, besiya kudliwa ngabasemzini.

8 Úginyiwe uSirayeli; ngoku basezintlangeni njengempahla engananziweyo.

9 Kuba bona banyuke baya eAsiriya, njenge-esile lasendle lihamba lilodwa, lahlukile; ke yena uEfrayim uziqeshile izithandane.

10 Nakuba beqesha nokuqesha ezintlangeni, ndiya kubabutha ngoku, baqale banciphe ngenxa yomthwalo wokumkani wabathetheli.

11 Kuba uEfrayim uzandisile izibingelelo zokona; kuye izibingelelo zaba zezokona.

12 Ndimbhalela into eninzi yemiyalelo yam; bayicingela into engento.

13 Imibingelelo yezipho zam bayayibingelela, bayidla ngokwenyama; ke àyakholeka kuYehova; ngokunje uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo; baya kubuyela bona eYiputa.

14 Kuba uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe, wákha amabhotwe; uYuda wayandisa imizi enqatyisiweyo. Ke mna ndiya kuthumela umlilo emizini yakhe, uzidle iingxande zakhe ezinde.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14