Uhoseya 1 XHO75

Umtshato kaHoseya ngumzekeliso wokwalamana kukaYehova noSirayeli

1 Ilizwi likaYehova elafika kuHoseya unyana kaBheri, ngemihla kaUziya, kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda; ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli.

2 Ukuqala kokuthetha kukaYehova noHoseya, wathi uYehova kuHoseya, Yiya uzeke umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu; ngokuba ilizwe lihenyuzé kakhulu, lemka kuYehova.

3 Waya ke, wazeka uGomere intombi kaDibhelayim; wakhawula, wamzalela unyana.

4 UYehova wathi kuye, Mthiye igama lokuba nguYizereli; ngokuba kusaya kuba ngumzuzwana, ndiwavelele amagazi akwaYizereli kwindlu kaYehu, ndibuphelise ubukumkani bendlu kaSirayeli.

5 Kuya kuthi ngaloo mini ndisaphule isaphetha sakwaSirayeli entilini yaseYizereli.

6 Waphinda wakhawula, wazala intombi. Wathi uYehova kuye, Yithiye igama lokuba nguAkenzelwanga-mfesane; ngokuba andiyi kuba saphinda ndiyenzele mfesane indlu kaSirayeli, ndingàbaxoleli nokubaxolela.

7 Ndiya kuyenzela imfesane ke indlu kaYuda, ndibasindise ngoYehova uThixo wabo, ndingabasindisi ngasaphetha, nangakrele, nangamfazwe, ngamahashe, nangabamahashe.

8 Akumlumla ke uAkenzelwanga-mfesane, wakhawula wazala unyana.

9 Wathi uYehova, Mthiye igama lokuba nguAsibantu-bam; ngokuba àningabantu bam, nam andiyi kuba ngowenu.

Idinga lokubuyiselwa

10 Ke inani loonyana bakaSirayeli liya kuba ngangentlabathi yaselwandle, engàlinganiswayo, engàbalwayo; kuthi endaweni yokuba kuthiwe kubo, Aningabantu bam, kusuke kuthiwe kubo, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.

11 Bohlanganisana ndawonye oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli, bazimisele intloko ibe nye, banyuke baphume kwelo zwe; kuba iya kuba nkulu imini yaseYizereli.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14