6 Bathi bakudliswa, bahlutha; bakuhlutha, yaphakama intliziyo yabo; ngenxa yoko bandilibele.
7 Ngoko ndaba njengengonyama kubo, ndabalalela njengengwe endleleni.
8 Ndothi gaga kubo njengebhere* ehluthwe amathole ayo, ndiwukrazùle umhlehlo wentliziyo yabo, ndibàdle khona njengengonyamakazi; amarhamncwa asendle aya kubadlavula.
9 Ùzonakalisile, Sirayeli, ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.
10 Úphi na ngoku ukumkani wakho, ukuba angakusindisi emizini yakho yonke? Baphi na ngokunje abagwebi bakho abo, wàthi, Ndínike ukumkani nabathetheli?
11 Ndikunika ookumkani ndínomsindo, ndibathabathe ngokuphuphuma kwawo.
12 Bubotshiwe ngengxowa ubugwenxa bukaEfrayim, sibekiwe isono sakhe.