10 Ngoku ke ndowatyhila amanye akhe emehlweni ezithandane zakhe, kungabikho bani umhlangulayo esandleni sam.
11 Ndoluphelisa lonke uvuyo lwakhe, umthendeleko wakhe, nokuthwasa kwenyanga kuye, neesabatha zakhe, namaxesha akhe onke amisiweyo.
12 Ndiya kuyibharhisa imidiliya yakhe, nemikhiwane yakhe, abesithi yena, Lutshedo lwam olu, endalunikwayo zizithandane zam; ndoyenza ibe lihlathi, idliwe ziinyamakazi zasendle.
13 Ndomvelela ngenxa yemihla yooBhahali, abeqhumisela ngayo kubo; abezihombisa ngamagabha akhe empumlo, nesambalo sakhe; abelandela izithandane zakhe, andilibale mna; utsho uYehova.
14 Ngako oko, yabona, ndiya kumrhwebesha, ndimse entlango, ndithethe kakuhle naye.
15 Ndomnika izidiliya zakhe, zithabathele khona, nentili yeAkore ibe lisango lethemba, aphendule khona njengeemini zobuncinane bakhe, nanjengemini yokunyuka kwakhe, ephuma ezweni laseYiputa.
16 Kuya kuthi ngaloo mini, utsho uYehova, undibize ngokuthi, Ndoda yam; ungabi sandibiza ngokuthi, Bhahali wam.