1 Ekumphiliseni kwam uSirayeli, kusuke kutyhileke ubugwenxa bukaEfrayim nobubi bakwaSamari; kuba besebenza ubuxoki, isela lingéne, amatutu abhunyule ngaphandle.
2 Àbatsho entliziyweni yabo ukuthi ndobukhumbula bonke ububi babo; ngoku zibangqongile iintlondi zabo, zabakho phambi kobuso bam.
3 Bamvuyisile ukumkani ngeento zabo ezimbi, nabathetheli ngokuxoka kwabo.
4 Bonke bephela bangabakrexezi; banjengeziko lezonka elibaselwe ngumojizonka, okha ayeke ukukhwezela, lo gama axovula intlama, ide ifukuke.
5 Ngemini yokumkani wethu abathetheli bazixhayele isifo ngobushushu bewayini; úthabathene nabagxeki.
6 Ngokuba bayisondezé intlixiyo yabo emlaleni wabo, ngathi kusezikweni lezonka; bonke ubusuku ulele umoji-zonka wabo; kusasa lona livutha njengomlilo olenyayo.